Onqevu abalibonanga elidlalayo

Izikrelemnqa ebezixhobe zisifa amacala azilibonanga elidlalayo ngelixa ziphendulana ngembumbulu kunye namapolisa kuphango eQoboqobo. Amapolisa ayiphumelele lemfazwe emveni kokuba ethe adubula abulala abane kwaze konzakala wamnye
Badutyulwe babhubha abarhanelwa abane, waza omnye wenzakala ngethuba kudubulana abarhanelwa namapolisa eQoboqobo (eKeiskammahoek). Esi sehlo senzeke kwindawo yoLawulo yakwaShoxa, kwindawo yaseMarikana ngaphandle kwaseQoboqobo ngentseni namhlanje.
Amalungu aphantsi kweTactical Response Team (TRT) eMdantsane naseMonti, alandele iinkcukacha zabarhanelwa abatyholwa ngokuba nemipu engekho mthethweni, adlulela kummandla waseMarikana eQoboqobo (Keiskamahoek).
Ekufikeni kwabo kwindawo yexhwayelo, baye basokola ukungena kwindlu echongiweyo ngenxa yodonga olude lomda, kodwa ekugqibeleni bakwazile ukuyinyusa. Njengokuba amalungu ebengena ngobuchule kule ndawo, abarhanelwa bazamile ukubaleka besebenzisa iindlela zokuphuma ngasemva, kodwa bavalwa ekoneni, baqala badubula amapolisa.
Amalungu aziphindezele, kwaye ngexesha lenkqubo abarhanelwa abane badutyulwa babhubha, kwaye umrhanelwa omnye ufumene amanxeba okudutyulwa kwaye wasiwa kwisibhedlele esikufutshane.

Abarhanelwa abaswelekileyo abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anethoba ukuya kumashumi amane bayaziwa, kodwa azichazwanga. Umrhanelwa wesihlanu oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo kungoku nje uphantsi kweliso lamapolisa. Amapolisa abaleke engakhange enze nto.
Amapolisa afumene imipu emithathu engenampepha-mvume eneembumbulu, iiveni ezimbini, iToyota Hilux kunye neCorsa ekukholelwa ukuba ibibiwe.

Eli tyala lidluliselwe kwicandelo eliziMeleyo loPhando lwamaPolisa (IPID) ukuze kuphandwe kabanzi.

