kusweleke abantu abathathu engozini ngalentseni

Sele kubhubhe abantu abantu abathathu kwingozi emasikizi ngelixa kungquzulana izithuthi ezimbini kuhola wendlela uN2 phakathi kwe Gcuwa ngalentsasa.

Kubhubhe abantu abathathu kwaze abanye abathandathu bonzakala ngokumandundu kwingozi eyehlayo kwiveni nemoto ehlala abantu abasixhenxe yohlobo lweToyota kuhola wendlela uN2 ngase Gcuwa ngale ntsasa.

Ababhubhileyo bebekhwele bonke kwiToyota, kuquka inkwenkwana eneminyaka emi-4 ubudala, umqhubi oyindoda, nenye indoda endala.
Umqhubi weveni kunye nomkhweli wakhe baphakathi kwabo babalekiselwe esibhedlele benomonzakalo omasikizi.