Bane ababhubhe kwingozi ezahlukeneyo

Ingozi ezahlukeneyo zisube imiphefumlo emine ubuncinane kwaze konzakala Abantu abasibhozo.

Bane abantu ababhubhileyo ngelixa abasibhozo-8 bonzakele kwiingozi ezimbini ezahlukeneyo kwiindlela zephondo izolo ebusuku.

Kwingozi yokuqala, amadoda amabini abhubhe kwingozi yemoto ebibandakanya iilori ezimbini kwindlela uR72 ngaseTsholomnqa, ngaphandle kwase-EL. Iloli ye Isuzu ebinamadoda amathathu ebekhwele ngase Port Alfred ingqubene ne Hino Rigid Truck ebinamadoda amabini 2, ibisuka ngase Monti .
Abaqhubi bazo zombini iilori babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa abakhweli befumana ukonzakala okwahlukeneyo.

Emva kwemini ngentsimbi yesixhenxe-19:00, ingozi eyenzeke kuhola wendlela uR61 phakathi kweCradock neTakastad yasuba imiphefumlo emibini-2 xa iveni iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa.

Iveni ebihamba namadoda asixhenxe-7 ibisiya ngaseCradock ngexesha lengozi. Abakhweli ababini abebekwicala elingasemva kwiveni babhubhele kwindawo yexhwayelo lo gama abanye ababekhwele kuquka nomqhubi befumana umonzakalo.