Konzakele wamnye engozini emasikizi

konzakele umntu wamnye kwingozi emasiki ngelixa iBakkie yohlobo lwe Mercedes Benz ingquzulana netanki yamafutha kuhola wendlela u N2 phakathi kwe Kei Bridge ne Monti ngale ntseni.

Umntu omnye ufumene umonzakalo omasikizi ngethuba iMercedes Benz Bakkie ingquzulana netanki yamafutha kuhola wendlela u N2 phakathi kwe Kei Bridge neMonti ngale ntsasa . Omnye umkhweli ubaleke enomonzakalo omncinci wabalekiselwe kwisibhedlele saseMonti .

Imihlathi yobomi yasetyenziswa ukukhupha umqhubi weveni waza wasiwa esibhedlele ngenqwelo-ntaka. Unobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku .

Umphathiswa wesebe lezothutho nokhuseleko loluntu uXolile Nqatha ubongoze abaqhubi beemoto ukuba banciphise isantya kwaye bathobele imithetho yendlela .