Kubhubhe abathathu kwingozi emasikizi

Ingozi emasikizi eyenzeke kuhola wendlela uN2 kude kufutshane eGcuwa isube imiphefumlo emithathu kuquka umntu ekurhanelwa ukuba lipolisa ngalentlwa yanamhlanje, nalapho uthotho lwezithuthi zingqubene okwenkunzi zamagqude.

Abantu abathathu kuquka umntu – ekukholelwa ukuba lipolisa baswelekile ngelixa abanye abaliqela befumana umonzakalo kwingozi yemoto ezintlanu ebibandakanya iveni yamapolisa engabhalwanga, iteksi kunye nesedan kunye neeveni ezimbini ngaphezulu.

Le ngozi yenzeke kuhola wendlela uN2 kufutshane neKei Cuttings esingise eGcuwa.

Kutyholwa ukuba iveni yamapolisa ibizama ukudlula ngethuba ingqubana nesedan.

Ezinye izithuthi ezithathu eziquka iteksi egcwele ngokupheleleyo ziye zabandakanyeka kungquzulwano lwesibini.

Bonke abantu abebekhwele kwiteksi ebigcwele ngokupheleleyo basinde bengenawo nomkrwelo.

Umcuphi wepolisa ubhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa umqhubi we-sedan, umntu wasetyhini omdala efumene umonzakalo onzima kwaye wabalekiselwa esibhedlele kunye nabanye abantu abane.