Babhubhe bonke ebebekhwele kwi VW Polo kwingozi emasikizi phakathi kwe Seymour ne Bhofolo

Zingqubene okwenkunzi zegusha izithuthu ezimbini i avanza kunye ne VW Polo kwaze kwaseleka Abantu abathandathu abangamadoda kunye nenina ekinye .konzakala abahlanu ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo

Basixhenxe abantu ababhubhileyo, ngelixa abahlanu bonzakele kakhulu entloko kwintlikele yengozi yemoto ebandakanya imoto yohlobo lwesedan kunye ne-Avanza kwindlela u-R67 phakathi kwe-Fort Beaufort kunye ne-Seymour malunga nentsimbi yesithandathu

Bonke abahlali abahlsnu-5 (bonke abangamadoda) be-sedan (i-Polo Vivo) babhubhele kwindawo yexhwayelo, ngelixa abantu abaabini-2 ababekhwele kwi-Avanza (umqhubi oyindoda kunye nomfazi omnye) baye basweleka ngenxa yokwenzakala kwabo.

IToyota Avanza ekhwele abantu abasixhenxe-7 ibisuka eFort Beaufort isiya eSeymour logama iVivo isiya kwelinye icala ngethuba le ngozi. Abonzakeleyo babalekiselwe kwisibhedlele saseFort Bhofolo ukuze bafumane unyango.

Idokethi lokubulala ngokungenanjongo, hayi ityala – livuliwe, njengoko bobabini abaqhubi bephakathi kwabangasekhoyo.