Asagcwele ithafa amadoda amathathu aphange exhobile kwi fama yase Somerset East

Amapolisa asezithendeni zamadoda amathathu axhomise ifama e Somerset East
Amapolisa azingela abarhanelwa abathathu ababandakanyeka kuphango kuxhotyiwe kwifama eseSomerset East ngoLwesibini
Kutyholwa ukuba ngentsimbi yeshumi ngalo mhla ukhankanyiweyo, lo mfama oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithoba ubudala wayexakekile etyisa iinciniba phambi kwendlu yakhe ngethuba omnye wabasebenzi basefama yakhe, ekhatshwe ngamadoda amathathu angaziwayo ebakhombe ngompu.
Umfama nomqeshwa wakhe baye bangeniswa endlwini bebotshwa izandla neenyawo.
Intombi yomfama, eneminyaka engamashumi amane anesithandathu ubudala, yanyanzeleka ukuba ivule isefu apho umpu wokuzingela, i-.38 revolver, kunye nemali yathathwa khona.
Abarhanelwa bakwathathe oomabonakude ababini kunye neeselfowuni ezimbini.
Bahamba ngeveni yomfama, Isuzu double cab engekabikho nangoku.
Ibutho lephondo lakwaGqeberha liphanda ityala lokubiwa kwezindlu.
