Asaziwa izizathu sokuxhwilwa kwendoda yase Tshayina u Lu Xiao etinarha

Unovenkile wase China u Lu Xiao utsityelwe ngamadoda amabini ngelixa evala ivenkile yakhe etinarha amxhwila ngoko -nangoko .uNomji nomkhondo wokuba basingise kweliphi icala azaziwa

Abacuphi e Uitenhage bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni ummi waseTshayina oneminyaka engamashumi amane anesithathu-(43 )ubudala oxhwilwe ngaphandle kwengqesho yakhe ngenjikalanga yayizolo, umhla weshumi-10/04.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi ye-17:40, uLu Xiao waphuma kwindawo asebenzela kuyo kudederhu lweevenkile e-Uitenhage naxa emisa i-minibus yakhe emhlophe yohlobo lwe-VW Crafter ukuze avale isango ngasemva kwakhe, amadoda amabini angaziwayo amkhwelisa amkhwelisa kwi-Isuzu emhlophe ephindwe kabini. I cab bakkie yahamba. Isithuthi sakhe siphinde saqhutywa ngomnye umrhanelwa