Bafune ivalwe iFrontier hospital abahlali baseKomani

Abahlali abavutha ngusindo bamememelela ukuba isibhedlele I Frontier hospital nezinze kumasipala I Enoch Mgijima ekomani bafuna sivalwe ngelithi akukho nkathalo kubasebenzi besisibhedlele.
Ngokwengxelo yelixhoba lokungafumani ncedo kweliaisibhedlele lithi lifike ngentsimbi yethoba ebusuku nalapho achithe Ubusuku bonke kungekho ncedo lufikaho nangona engaphakathi esibhedlele.Abahlali bathi amanesi axambulisana nabo Xa befuna uncedo.
Ziyakhula ngakumbi izikhalazo zogxalathelwano kwisibhedlele I Frontier eKomani nalapha abahlali bamememelela urhulumente ukuba asivale esi sibhedlele ngelithi intsapho zabo ziyaphela ngenxa yokungabikho kwenkathalo
Inenekezazi elingu Felicia Ndatsha lase Komani lithi lithichihe Ubusuku bonke ngaphandle kokufumana uncedo kumanesi noogqirha besibhedlele i Frontier hospital ezinze kumasipala I Enoch Mgijima ngelixa ezise umntwana wakhe ongaphilanga.

Elinenekazi lithi ngomhla wethoba Kule Nyanga ka Canzibe ngoLwesine Lise umntwana walo.
u Felicia uthi waqaphela ukuba omongikazi abanawo namagama abachazayo kwisinxibo Sabo.
uFelicia uthi wachitha Ubusuku bonke Kwesi sibhedlele kungekho mongikazi usondelayo kwihodi yakhe azokumnika uncedo.
Esi siganeko silandela uthotho kwezinye izikhalazo zabantu abangalufumaniyo uncedo ingakumbi Kwesi sibhedlele I Frontier.
Ngokwemifanekiso yendlela imeko emaxongo ngayo Kwesi sibhedlele sibona abantu belele ezitulweni nanjengoko kukho intetha ethi esi sibhedlele sinebhedi esinqongopheleyo.
Kwaba Bantu balele phantsi nase zitulweni kuquka Abantu abadala,abakhubazekileyo ,abantwana kunye nabantu abenemeko emaxongo ngakumbi.
Uluntu lwase Komani neziphaluka Luthi lubongoza ukuba sivalwe esibhedlele ngoba intsapho zalo ziyaphela ngenxa yokungabikho kwenkathalo kubasebenzi

