Imasikizi imfazwe eqale ngenxa ka NSFAS e KSD TVET College emthatha Abafundi bagxiza igazi

imfazwe phakathi kwesikolo I king Sabatha Dalindyebo neyiKholeji ezinze emthatha kunye nabafundi Besi sikolo imaxongo ngendlela ekhwanqisayo.

uNomji ngowokuba Abafundi bathi aboneliseki ngamagumbi abahlala kuwo kunye nokungabikho kococeko Kwesi sikolo.

lo Mbhodamo ubangele ukuba kuqale uqhanqalazo lwabafundi nalapho isikolo sibize oonogada kunye namaPolisa afike abadubula abonzakalisa nangakumbi Abafundi.Ngokwengxelo abanye babo balwela impilo zabo ezibhedlele.

Abafundi babanga ngelithi bathatala imali etshisiweyo kwezizakhiyo bahlala kuzo kodwa imeko yazo ifana nqwa ne Hoko yehagu.

Abafundi bathi bazamile ukufuna isisombululo kwabasemagunyeni kodwa ziphanzile ezonzame ngoba baphele begxothwa kumasango esikolo ,kungoku nje abafundi abanandawo zokuhlala .

Le meko iphazamise ukufunda nokufundisa ibangele ukuba aba bafundi baxoze umphini wokuphelisa lentsinda badala ,ngokwecebo labo bathi bazakuchwechwela inkosi uBuyelekhaya Dalindyebo ukuba azokuthi hanewu Kule ntlekele yenzeka kwesi sikolo ngegama lokuba sithiwe ngotata wakhe.

Babini Abafundi abophukileyo ukuzothi GAA ngoku abanye basachacha esibhedlele nanjengoko umonzakalo wokubethwa nokudutyulwa nge mbumbulu Ze rubber umandla kwaba bafundi .

Elijelo lisakhangela ilizwi lesikolo nanjengoko lenyewe isesematheni.Abafundi bona basalala esigangeni nanjengoko begxothiwe esikolweni