Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emine(4) ku R63 ngaphandle kwe Middledrift

Basweleke bobane  abantu ababandakanyekayo kuntlitheko ngeentloko lwezithuthi ezimbini kwi R63 ngaphandle kwe Middledrift..

Kutyholwa ukuba imoto yohlobo lweToyota Urban Cruzer ebikhwele abantu abathathu ingqubane nePolo Vivo nomqhubi nje ngecala emva kwentsimbi yokuqala emini emaqanda (-13:30). IPolo Vivo iye  yagqabhuka yangamadangatye kungekudala. Kodwa  bekusemva kokuba umzimba womfi ufunyenwe.

Abantu abathathu babhubhele kwindawo yesiganeko ngelixa umntu omnye eswelekile ekufikeni kwakhe kwisibhedlele saseGrey.

Idokethi lokubulala ngokungenanjongo livuliwe.