Inkosikazi yakwa Zakhele iwukhuphe ngokwayo umphefumlo wesinqanda mathe sayo.

Uzinikelezele emaPoliseni umrhanelwa wasetyhini emveni kokuba ethe wachazela emaPolisa ukuba ubulele indoda athandana nayo

Kubanjwe owasetyhini emva nje kokuba ehlabe isithandwa sakhe ngeCawe kwingingqi yaKwazakele.

Ngokweenkcukacha zamapolisa malunga nentsimbi yesibini ekuseni, amalungu esiPolisa Kwazakele ebejikeleza kwisitalato iMbulele, eSoweto eLwandle ngethuba emiswa ngumrhanelwa. Wabazisa ukuba uhlabe wabulala isithandwa sakhe uPhulelele Sola oneminyaka engamshumi amahlanu anesihlanu (56). Umfi ufunyenwe kwigumbi lokulala ebhedini enenxeba lokuhlatywa kumlenze ongasentla wasekhohlo. Umfi uhlatywe ngebhotile eqhekekileyo.

Lo wasetyhini ubanjwe ngezityholo zokubulala kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi eNew Brighton, namhlanje umhla weshumi elinambini ku Matshi