Izakubanjwa namhlanje inkonzo yesikhumbuzo ka Tee Tee e Guild Theatre eMonti

Usapho,izihlobo,amanxila engoma kunye nabalandeli baka Thokozani Fekade owaziwa ngo “Tee Tee” bazakuthi nqwadalala ngale njikalanga e Guild Theatre eMonti kwinkonzo yesikhumbuzo yelichule lomculo elithe lazimela lomhlaba nento zawo ngolwesine weveki ephelileyo
Uhambo luka Tee Tee lothuse abantu abaninzi ingakukumbi usapho,izihlobo kunye nabalandeli bakhe nomculo jikelele.Intlaninge yemiyalezo yovelwano sele ilithuba elide iphophokoka ukususela kusuku awathi wachazwa ngalo ukuba ulandulele eli u Tee Tee.Umhla wesithandathu ku April uchazwe njengosuku azakubekwa ngalo kwikhaya lakhe lokulinda u Tee Tee.
