Kubanjwe amadoda angamashumi amabini anesixhenxe(27) e Carlifonia emonti

Afike engabhungisanga amaPolisa kumasapala ombhaxa i Buffalo City Metro eMonti kwisitalato ekuthe tshitshilili amashishini ahlukeneyo abemi bangaphandle aze abamba amadoda angamashumi amabini anesixhenxe ngesityholo ezahlukeneyo
Kungoku nje umasipala ombaxa iBuffalo City okhokelwa ngamapolisa oMzantsi Afrika kunye neqela lezokhuseleko ugqogqa kwisitalato saseCalifornia eSt Paul’s eNorth End, eMonti.
Ukuza kuthi ga ngoku bangama-27 abantu ababanjiweyo ngenxa yolwaphulo-mthetho olwahlukeneyo oluquka ukujongwa koqinisekiso lwemeko yokufudukela kwelinye ilizwe.
Eli phulo lisaqhutywa kwaye zonke iivenkile ezikule ngingqi ziyagqogqwa kuquka zonke iimoto.

Eli phulo liyinxalenye yokulwa ulwaphulo-mthetho kwaye liquka amacandelo ahlukeneyo amapolisa aquka abokufika, abezobuntlola, iK9, abecuphi, iBCM Law Enforcement, BCM Traffic Services kunye nePublic Order Police eMthatha naseGqeberha.
“Sifuna ukuncoma iinzame zamapolisa ethu neqela lezokhuseleko lonke ngokwenza imisebenzi elolu hlobo, oku kuza kuthumela umyalezo oqinileyo wokuba ubugebenga abusoze kunyanyezelwa,” sitshilo isithethi saseBCM uSamkelo Ngwenya.
“Eli phulo lilandela iPasika yethu yokhuseleko ezindleleni ejolise kukhuseleko ezindleleni. . “
