Kubongozwa uluntu ngobuqhophololo obenziwa ngotsotsi

Ibutho lephondo lokulwa nobuqhophololo lilumkisa uluntu ukuba lulumke kwaye lubalumkele ootsotsi abasebenzisa igama leli candelo kunye namagama abubuxoki bamapolisa ukurhwaphiliza imali.

Eli candelo lifumene izikhalazo ezibini ubuncinane kule veki kubantu abatyhola ‘ipolisa’ eliphuma kwicandelo elikhethekileyo lifowunela abantu libaxelele ukuba bayarhanelwa kumatyala abo. Umnxeba womgunyathi uya kucela ukuba kuhlawulwe imali ukuze ‘acuthe’ ityala okanye acele amaxhoba ukuba afake imali yebheyile. Lowo ufowunayo uya kuthumela ifoto yepolisa elingenalo nofifi okanye ulwazi ngesicelo esinjalo.

Abo bafowunelwayo ngabantu abamsulwa abangabamangali okanye abarhanelwa kuwo nawaphi na amatyala aphandwayo leli candelo.

Amapolisa alumkisa abantu ukuba akukho nqanaba liya kucelwa imali kulo naliphi na igosa lamapolisa kwaye oko kubandakanya namagosa aphanda amatyala aphantsi kophando. Ukuba umnxeba onjalo ufunyenwe, soloko unxibelelana neyunithi okanye isikhululo esifanelekileyo phambi kokuba uphakuzele kwaye unikezele kwisicelo. Ungaze wamkele naziphi na iinombolo ezinikelwe ngulowo umfowunelayo ukuze abuyisele umnxeba wakhe.