Liqamele ngenqindi isela le Abalone

IGqeberha K9 kunye neFlying Squad zibambe indoda yaze yahlutha iabalone emva kokuleqa isantya esiphezulu kuM4, North End ngoMgqibelo wama-27/01. Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nentsimbi yesixhenxe, amalungu aseGqeberha K9 afumene ulwazi ngemoto emhlophe yohlobo lweVW Polo eyayithutha iabalone.
Ngethuba behamba ku-M4, amalungu abone isithuthi kwaye ngethuba lokuzama ukumisa isithuthi, umqhubi wehla ngo-N2 esingise e-Algoa Park. Ngexesha lokuleqa umqhubi wazama ukukhupha imoto yesipolis endleleni, kwaye ngelixa ebalekayo wajula iibhegi ngaphandle kwesithuthi esine-abalone kwaye waphulukana nolawulo lwesithuthi kwaye wasiqhubela kwimiqobo. Isithuthi simile kwaye amapolisa afumana enye ingxowa ye-abalone kwaye yathathwa. Iyonke iyunithi ye-abalone engama-366 yathinjwa kwaye umrhanelwa wabanjwa ngenxa yokwaphula i-Marine Living Resource Act, 19 of 1998 Regulation 36 subcund 1 – ukuba ne-abalone ngokungekho mthethweni kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo ozayo

