liwelwe lilifu elimNyama usapho lwase Gqeberha emveni kokuba utata nonyana bafunyenwe beswelekile

Abacuphi base Swartkops baphanda isigebenga sokubulawa kwabantu ababini emva kokufunyanwa kwemizimba yamadoda amabini, utata nonyana wakhe kwindlela yomhlaba kufuphi ne-Addo Road emini emaqanda namhlanje, umhla wamashumi amabini enesibini kweyeThupha.
Kutyholwa ukuba ngeCawa, umhla wamashumi amabini malunga nentsimbi sesixhenxe kusasa u-Edwin De Vos oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) kunye nonyana wakhe uLeonardo De Vos oneminyaka elishumi elinethoba(19) bagqibela ukubonwa beshiya indlu yabo kunye nenkosikazi ababeyilungisele imoto ngaphambili.
NgoLwesibini, inkosikazi yakhe iye emapoliseni Gelvandale ukuya kuxela ukuba balahlekile. Ngethuba ebekwisikhululo samapolisa, amapolisa afumana ulwazi ngezidumbu ezibini ezifunyenwe kwindlela yomhlaba kwindawo yamapolisa yaseSwartkops.Kuye kwaqinisekiswa ukuba imizimba efunyenweyo yeyoyise nonyana olahlekileyo.Ityala lokubulala kabini liyaphandwa.

