Ngamadoda amathathu(3) abanjelwe ukuqweqwedisa e Summerstrand

Abarhanelwa abathathu abarhanelwa ukuqweqwedisa babanjwe ngokukhawuleza ngamapolisa emva kokuqweqwediswa kwesithuthi eSettlers Park kuMbindi izolo, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeDwarha.

Kutyholwa ukuba ngentsimbi yesixhenxe (07:50), ummangali oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala wayesandula kupaka isithuthi sakhe eHow Avenue xa wayefikelwa ngamadoda amathathu kunye nebhinqa. Ebekhonjwe ngompu kwathathwa nezitshixo ze Hyandai Atos yakhe engwevu. Abarhanelwa bangene emotweni baqhuba.

Malunga nentsimbi yesibhozo (08:30), amalungu emapoliseni Humewood abone isithuthi ku-Marine Drive e-Summerstrand. Kwalandela ukuleqa abarhanelwa batsibela ngaphandle kwemoto babalekela ematyholweni. Ngoncedo lwesipolisa Walmer kunye neMount Road, abarhanelwa abathathu (amadoda amabini kunye nabasetyhini) babanjwa.

Abarhanelwa, abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu nengamashumi amane (30-40) ubudala, bavalelwe ngesityholo sokuxhwila iimoto.

Kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.