Sidada emanzini kodwa abazali bayaphila, sincedeni

“umama wathi mandiyobalahla konoontlalontle abantakwethu”

Sidada emanzini kodwa abazali bayaphila, sincedeni

Intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesibini egama lingu Sinayo Gxashela imemelela nakubani na onokuthi aphose esivivavaneni emveni kokuba ityotyombe abahlala kulo eziohuzane, emonti kunye nabantakwabo abangamawele bathe bazibona bengena ndawo yokulala emveni kokuba imvula emandla imanzise yonke indlu kuquka nendawo yokulala.

Ngokutsho kuka Sinayo abazali basaphila ntonje unina wakhetha ukubashiya wayokutshipha ekapa ngenxa yokuba ebaleka lemeko yentlupheko kusapho lwakhe.

U sinayo uthi umama wakhe wemka wayokutshona ekapa kwaye ungumntu ogula ngoxinezelelo lwengqondo.

Ezintsizana zithi akukho nalinye ilungu losapho elingenelelayo kweli sikizi qu nabo bakufutshane balubonayo olusizi.

Intlungu eyenziwe zezimvula zakutshanje, elinye lamawele eliyintwana liye lavukelwa sisifuba ngenxa yokuminxana ngenxa yengqele emandla ebibangelwa zizandyondyo.

Isicelo salentwazana sesokuba nabani onokuthi aphose oko anako ukuze uSinayo kunye nentsana zakowabo balale betyile kwaye benendawo yokufihla intloko wamkelekile.

Inzame zokunikela koonontlalontle aba bantwana zaphanza ngokutsho kuka Sinayo, yiyo lonto kunzima nakuye ukuba ahambele phambili nezifundo zakhe, emveni kokuba egqibe uMatriki waye wanyanzeleka ukuba ahoye abantakwabo alincame iphupha lokufunda.