U Sonam Gajjiar uxhwilwe ephuma kwakhe eGqeberha namhlanje

Bayazingelwa onkqevu abaxhwile inenekazi e Mosel Road e Kariega ngentseni yanamhlanje
Abacuphi besiPolisa e Uitenhage bazingela amadoda amane abandakanyeka kuxhwilo lwenkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu(34) ubudala yaseKariega ngale ntsasa, ngelixa ephuma kwindlu yakhe.
Kutyholwa ukuba kwimizuzu elishumi phambi kwenzimbi yesibhozo ngentseni uSonam Gajjar, uphume ngemoto eyadini yakhe eMosel Road eKariega nalapho athe esalinde ukuvalele iheke emva kwakhe, wagangwa ngamadoda amane. Ifestile yecala lomqhubi wayo yaphuka waza wakhutshelwa ngaphandle kwemoto yakhe watyhalelwa kwisithuthi esimhlophe esasilindile sakwaHyundai. Isuke inqwelo mafutha isingise eMotherwell.
Amapolisa aphanda ityala lokuxhwila kwaye acela nabani na onokuthi ancedise ngalo naluphi na ulwazi, nokuba luncinci okanye luncinci kangakanani na avele ngamphambili

