Ubanjiwe umrhanelwa ngezityholo zokubulala

UKhomisishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncome umsebenzi oncomekayo wabaphandi bamapolisa abazinikeleyo abathe balandela ubulungisa kwityala elibethelele ukhuseleko loluntu lwethu. Abarhanelwa abasixhenxe ekutyholwa ukuba babandakanyeka kuthotho lokubulala, beqhutywa yinjongo embi yokufuna ukuhlawulwa kwe-inshorensi babanjwe ngentseni  yangoLwesihlanu, umhla weshumi elinesihlanu.

Iphulo elijongene neentlobo ngeentlobo, elilungelelaniswe kakuhle liqhutywe malunga nentsimbi yokuqala ngentsasa apho kukhutshwe izigunyaziso zokubanjwa kwindawo ehlala abarhanelwa abasithandathu Kwanobuhle naseDespatch. Abarhanelwa babefunwa kumatyala amaninzi okubulala apho isizathu sokubulala sasiqhutywa kukubawa nenkohliso (amabango e-inshorensi). Oku kubanjwa kuqaliswe emva kweenyanga ezingaphezu kweshumi zophando olunzulu lwecandelo laseQueenstown Murder & Robbery kunye neCradock Commercial Crimes Investigation eyayamanisa lo mbutho kunye nokubulawa kwabantu abaninzi eKwadwesi, Kwanobuhle, Despatch, Whittlesea naseKamesh. Abarhanelwa baqhagamshelwe kula matyala ngonxibelelwano lwe-ballistic kunye nemigaqo-nkqubo yee-inshorensi. Umrhanelwa wesixhenxe ukwiNtolongo yase-St Albans elindele ukuxoxwa kwetyala lompu naye uzakubekwa ityala nabanye abarhanelwa abathandathu.

Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amane (40)namashumi amahlanu anesibini (52)ubudala bajongene namatyala okubulala alishumi elinanye (11)ubuncinane nalapho amabini angamatyala okubulala aphindwe kabini Kwanobuhle, ubuqhetseba nobuqhophololo anxulumene namabango angeniswa ngabantu ababhubhileyo okubhubha kwabalishumi elinanye kunye nokubafumana ngokungekho mthethweni. imipu kunye neembumbulu.

Ngexesha lokubanjwa, iqela eliquka i-Murder & Robbery evela eQueenstown; iCandelo loLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo laseCradock, eUitenhage naseGqeberha; iCandelo lokuLwa imigulukudu kwiPhondo eGqeberha; Amapolisa aseGqeberha; Abacuphi be-SAPS Kwanobuhle kunye ne-Despatch nabo bohluthe imipu, iimagazini ezi-3, iimbumbulu ezingama-95 kunye neeselfowuni ezimbini.

Abarhanelwa ababanjiweyo bazakuvela kwinkundla kamantyi yase Kariega ngoMvulo, umhla weshumi elinesibhozo ku2023 ngezityholo.