UBANJIWE UMRHANELWA OBULELE INTWAZANA ENEMINYAKA ESIBHOZO(8) E WALMER

Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32)ubudala uye yabanjwa ngale mva kwemini, eWalmer ngenxa yesityholo sokubulala uTaslin Lucas (8)Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesine abahlali bafumene umrhanelwa kwindawo yokulahla inkunkuma e-5th Avenue baza baqalisa ukumbetha ngethuba kumisa isithuthi sikanogada sangenelela. Le ndoda yasiwa kwaSAPS Walmer kwaye ivalelwe ngokubulala umntwana. Umrhanelwa kutyholwa ukuba lisoka likamama wentombazana ebhubhileyo.Ngaphambili, malunga ne-100 labantu , ingakumbi abantwana besikolo abasuka kwindawo yaseWalmer baqhube umngcelele onoxolo ukuya kwisikhululo samapolisa kwaye banikezela ngememorandam malunga nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nenkqubela phambili enxulumene nokufa kukaTaslin Lucas.
