Ubunkokheli bolwaphulo mthetho  ngokwezomiya bonyulwe kwisithili sase nelson mandela bay

Kwiinzame zokubandakanya ubuzalwane ekunyuseni uluntu ekuzibandakanyeni namapolisa aziqhelanise noluntu, ubunkokheli bomoya bothintelo lolwaphumo-mthetho bonyulwe ngokusesikweni kwisithili iNelson Mandela Bay. Ulonyulo olusesikweni leekomiti yolwaphulo-mthetho lwasemoyeni eNelson Mandela Bay lubanjwe kwiholo loluntu iGeorge Botha ngolwesine, ngomhla weshumi elinesixhenxe kweYesilimela ku-2023.

Iqumrhu lothintelo lolwaphulo-mthetho ngokwasemoyeni lwanyulwa laza lenziwa ukuba lizalisekise ezi ntsika zesicwangciso-qhinga zilandelayo.:Intsika yokuqala:ukomelezwa kweziseko zekhayaIntsika yesibin:ukusekwa kweedesika zenkxaso yothintelo yolwaphulo-mthetho  kumbutho osekelwe kwinkoloIntsika yesithathu:uphuhliso lolutshaIntsika yesine:ukubuselelwa kwezimilo

Intsikayesihlanu:intshumayelo kwintolongo kunye umanyano loluntu kwakhona kubaphuli-mthetho

Iinkokhelo zamalungu alishumi ezijongene nothintelo lolwaphulo-mthetho phantsi kosihlalo kaMfundisi uLuvuyo Rheze, zonyulwe ngokufanelekileyo phambi kwabaphathi zeenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika , iqonga lesipolisa soluntu kunye nabanye abachaphazelekayo. Usihlalo osandula konyulwa, ophuma kwindawo yamapolisa okwa-Nobuhle, uthembise ngokukhokelela  kwicala elililo ekuqinisekiseni imvisiswano kuluntu lase-Nelson Mandela Bay.

Intloko yephondo yombutho wamapolisa abonakalayo, uBrigadier Nomvuyo Mrwebi, obemele abaphathi beenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika wankele ubunkokheli obutsha bothintelo lolwaphulo-mthetho. “Singabaphathi beenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika, siyavuya ukuba nolu hlobo lombutho oza kuncedisa ekulweni ubugebenga, ngakumbi kwinxalenye yokuyiselwa kwezimilo. Oku kubonisa ukuba iinkokheli zonqulo kunye namabandla azo zilungele ukuthatha indawo ephambili  ekulweni ulwaphulo-mthetho elintwini.” Utshilo