Ugqogqo luyaqhubeka emva kwesine (4) esitshayelwe zizikhukhula ezinamandla

Amapolisa abatshuzi asaqhubeka ekhangela abantu abathathu abathe bathwaxwa zizikhukula eNgqeleni nakuCentane ngempelaveki.
Amapolisa afumene isikhalo sokurhaxwa ngamanzi kwindawo ezimbini ezahlukeneyo eMpuma Koloni apho abantu abane kutyholwa ukuba bakhukuliswe zizikhukula kwimilambo eyahlukeneyo kuCentane naseNgqeleni. Amapolisa abatshuzi avuselelwe kwaye ngenxa yemozulu embi abakwazanga kuphinda baqhubeke nogqogqo.
Kuphinde kwaqalwa ugqogqo ngale ntsasa kuCentane kodwa umzimba womfundi oneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala ufunyenwe eNgqeleni izolo. Idokethi lophando livuliwe ukuze kuphandwe.
Iphulo lokukhangela abanye abantu abathathu liyaqhuba.

