Umlilo wetyotyombe uthathe ubomi beNdoda e Algoa Park

Amapolisa ase  Algoa Park avule uphando emva kokutsha kwetyotyombe kwasuba ubomi bendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala eMissionvale ngokuhlwa kwangoMgqibelo umhla wesixhenxe kweyeDwarha.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngalo mhla ukhankanywe ngasentla, ityotyombe latsha e-Old Uitenhage Road, eMissionvale. Emva kokuba lo mlilo ucinywe lisebe lomlilo, kwafunyanwa umzimba kaNando Mapose.

Unobangela womlilo awukaziwa, uphando luvuliwe emapoliseni e Algoa Park kwaye luza kuphandwa.