Uqhanqalazo lwabahlali lunyanzelise ukuba ivalwe indlela emalunga nesibhedlela iMadzikana ka Zulu memorial

Indlela uN2, malunga nesibhedlele iMadzikane Ka Zulu Memorial KwaBhaca – eyayifudula iyiMt Frere, ivaliwe ngenxa yoqhankqalazo lwabahlali

Iphinde yavulwa indlela uN2 ejongene nesibhedlele iMadzikane kaZulu Memorial KwaBhaca. Bekuvaliwe ngaphambili ngenxa yoqhankqalazo lwabahlali abavale indlela ngamatye namatayara avuthayo.

Amagosa ogcino-mthetho akwazile ukwenza impumelelo ekhawulezileyo. Inkunkuma isusiwe kwaye izithuthi zihamba kakuhle kwakhona.Ezinye iindlela ziquka u-R56 odlula eMatatiele. Siza kunika uhlaziyo nje ukuba iindlela zivulwe kwakhona