‘Waqala ukundibetha ndisakhulelwe’

Liboko-boko inenekazi elineminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) lase Ndevena eMpuma Koloni emveni kokuba owesakuba sisinqanda mathe sakhe ekhabe ucango waze wonda ngaye ngentseni yanamhlanje.
U Ziyanda Masebeni uthi ubethwe kanobomi ngu Bulelani Zohlwayo oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu owayethandana naye .Ngokwengxelo u Bulelani ufike ekhayeni lika Ziyanda wakhaba ucango waze wambetha wamonzakalisa kungekho sizathu.
Elixhoba lizamile ukubaleka kodwa khange ziphumelele ezo nzame ngoba uye wamleqa wamkhaba embethekisa nasetheni emthuka ngokuba uligeza.
uNomji ngowokuba umrhanelwa wabaleka kuqala wayokubiza amaPolisa ngelithi elinenekazi aliphilanga kwaye limphilisa kakubi.
Kwiziganeko ezidlulileyo amaPolisa aseNdevana afika kwelinenekazi exhobe efohlela ehamba nomrhanelwa emveni kokuba ethe wabetha u Ziyanda Waze wayokufika kuqala emaPoliseni wavula ityala.

Elinenekazi lithi liphila phantsi koloyiko olukhulu ngoba Lo Mfo ulikhuphe latsola ilizwi elithi uzakumbulala .
Uziyanda unabise wathi lentlungu aphila phantsi kwayo yabangela ukuba ade aphulukane nomntwana wakhe awambeleka ngaphambi kwexesha ngenxa yokuhlukunyezwa nguyise.
Elinenekazi lithi umthetho ungecala lomrhanelwa ngoba ngomhla weshumi elinesithandathu Kwinyanga yoMnga ka 2023 laye lala esiseleni ngezityholo zokuhlukumeza lomfo ulingombe laboko boko.
Le ntlungu ilenze elinenekazi laziva liphelelwa lithemba kwingalo yomthetho yoMzantsi Afrika.
