Abacuphi base despatch bakhangela abarhanelwa ngezityholo zokuphanga

Abecuphi base Despatch bafuna uncedo lwabahlali ekulandeleni amadoda amahlanu aphanga isikolo ngoLwesibini, umhla weshumi elinesibini kweyoMsintsi eKyamnandi eDespatch.

Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesibini (12:45) amadoda amalunga nesihlanu axhobe ngemipu agaleleka kwigumbi lootitshala kwisikolo samabanga aphantsi iNomathamsanqa aphanga abasebenzi. Kwathathwa iilaptops ezimbini, iiselfowuni ezintlanu, izitshixo kunye nemali.

Ityala lokuphanga ishishini liyaphandwa.

Amapolisa acela uluntu ukuba lubancedise ekukhangeleni aba barhanelwa kwaye nabani na onolwazi malunga neli tyala uyacelwa ukuba atsalele isiplosa e Despatch, D/Sgt Ruan Nel ku- 082 441 7900 okanye iCrime Stop ku- 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.  Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.