Akakafumaneki uOngezwa Rasmeni

Sele kuphele iinyanga ezingaphezulu kwesihlanu lidukile inenekazi laseKomani uOngezwa Ngqiqo Rasmeni owagqityelwa ukubonwa ngomhla wesithandathu Ku Disemba ka 2023.
Amapolisa acela uncedo kuluntu ngokukhangela inenekazi elineminyaka engamashumi amathathu anesithathu uOngezwa Ngqiqo Rasmeni nowagqibela ukubonwa ngomhla wesithandathu kweyoMnga ngo-2023 kwindawo abehlala kuyo eGrey Street kuKomani. Eli nenekazi lilahlekileyo lelaseNgcobo.
Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo, lo elibhinqa laphuma kunye nomhlobo walo, kwaye akazange aphinde abuye de kube ngoku. Uphando lokuqala lwenziwa ngaphandle kwempumelelo.
