Ngumalume obulele umtshana e Bedford

Usizi lubhalwe emehlweni kusapho lomntwana oneminyaka emithathu ubudala obulewe ngu Malume wakhe e Bedford kwiphondo leMpuma Koloni .Ngokwengxelo uMalume wangema kwindawo yentselp Waze wathathwa lomntwana kunina nalapho athe Xa ebuyilela ngaphakathi wabuya yedwa ingekho lentwazana.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene ulusizi ngokubhubha kwentombazana eneminyaka emithathu ubudala, ekutyholwa ukuba yabulawa ngumalume wayo ngoLwesine umhla wesithandathu Ku Juni eBedford.

Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yeshumi umntwana wayekwithaveni yasekuhlaleni nonina ngethuba ethathwa ngumalume wakhe. Emva kweyure wabuya umalume ingekho le ntombazana.

Lo mntwana ufunyenwe elele esitratweni eNdlovini. Wayenamanxeba amaninzi emzimbeni wakhe.

Njengoko uphando luqhubeka, nge-7/06, amapolisa abambe umalume oneminyaka engamashumi amane anethoba(49 )ubudala.

Uvele kwinkundla kamantyi yaseBedford ngoMvulo,10/06 ngetyala lokubulala. Ugcinwe eluvalelweni de kube ngowe-15 kaJulayi 2024. Iintlawulo ezongezelelekileyo zisenokongezwa, ngelixa kulindelwe ingxelo yobhubhani. Ityala lokungahoywa komntwana livulelwa umama.

Leave a Reply