Amapolisa ase mount road aphanda ityala lokubulawa kwabantu ngokungena njongo

Abacuphi base Mount Road baphanda ngetyala lokubulala ngokungenanjongo emva kokuba indoda eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala ibhubhe kwingozi yemoto ku-N2, eCotswold ngoMvulo womhla wesibini kweyeDwarha.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesibhozo (08:05), ngale ntsasa, amapolisa aphendule kwisikhalo sengozi ebandakanya iimoto ezintathu nehashe nelori. Bathe xa befika baxelelwa ukuba iToyota Scarlett ibihamba ku-N2 isiya ngaseKapa ngethuba umqhubi kutyholwa ukuba woyiswe kukulawula imoto yaze yangqubana nemoto yohlobo lweToyota Hilux eyathi emva koko yangqubeka kwilori yakwaMercedes. Umqhubi oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) weScarlett ubhubhele kwindawo yexhwayelo, logama umqhubi kunye nomkhweli weToyota Hilux basiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango. Umqhubi weloli akazange afumane nzakala
Ityala lokubulala ngokungenanjongo liyaphandwa.

