Bahlanu onkqevu abadutyulwe babulawa eMpumalanga kuphango lwe CIT

Amapolisa aphuma kumacandelo awohlukeneyo kunye noonogada babucala badubule babulala abarhanelwa abahlanu be-CIT kulandela udubulo eMpumalanga.
LamaPolisa aphuma kumacandelo awohlukeneyo kunye noonogada babucala badubula babulala abarhanelwa abahlanu be-CIT kulandela udubulo eMpumalanga, kwidolophu yaseTasbet Park eWitbank ngale njikalanga yanamhlanje.

Iqela lamaPolisa liye lafumana imipu emihlanu, imipu emibini kunye nezithuthi ezine (ezintathu zixhwilwe).

Abarhanelwa baya kubekwa izityholo zokubulala, ukuzama ukubulala nokuba nemipu engavumelekanga nengagunyaziswanga kunye neembumbulu kwakunye namatyala anxulumene neCIT.
