Ibanjelwe ukuyabula neziqhuma zeNtsangu indoda yase Monti

Izakubulisa Umantyi indoda yase Monti ebanjwe iyabula noMthunzi wekukhu
Amalungu esiPolisa ajikeleza ummandla waseGonubie athe xa abona isithuthi, i-sedan eyayisuka kwicala lasempuma ukuya ngaseGonubie.
Amalungu athe amisa isithuthi kanye phambi komlambo iGonubie eqhuba Imoto ibinamadoda amane ,Bacela imvume yokukhangela inqwelo-mafutha baza bayinikwa ngumqhubi.
Uthe akukhangela, la malungu afumana ii-sport bag ezimbini ezinkulu ezinentsango. Omnye wamadoda aneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) owayekhwele kule moto uvumile ukuba lentsango yeyakhe kwaye wayeyithengisa. Le ntsango ibinobunzima obuyi 29.65 kg. Umrhanelwa uye wakhoxwa kwaye ujongene netyala lokufunyanwa nentsangu.
Uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eMonti ngolwesine

