Uvaliwe u N2 phakathi kwe Humansdorp ne Gqeberha emveni kokuba kubhukuqe Ilori yavutha

ilori ibithwele iziqhamo zesitrasi iphulukene nolawulo kuhola wendlela u N2 phakathi kwe Humansdorp ne Gqeberha yaze yabhukuqa kwaqhambuka umlilo ngoko nangoko.Abahlali bayazenzela Kwesi siqhamo Se sitrasi nanjengoko Ilori ingqengqe ngecala endleleni,lendlela ivaliwe .
u-N2 ngaphandle nje kwaseGqeberha ukuya ngaseHumansdorp ivaliwe ukuhamba kwabantu, emva kokuba ilori ebithwele iziqhamo zesitrasi ibhukuqe yatsha. Iqela labemi balapha liye labonwa liphanga imithwalo.
Iinkcukacha ngendlela yengozi kunye nokuba kukho abantu abonzakeleyo na okanye akukho nzakeleyo zisahleli zingumzobo okwangoku, kodwa abaqhubi beemoto bayabongozwa ukuba balibazise uhambo lwabo okanye bafumane ezinye iindlela.


