Ibanjiwe indoda etyholwa ngokuxhwila abantwana

Indoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala yahlangulwa ngale ntsasa, ngomhla weshumi elinethoba kweyeDwarha (19/09) kwingqumbo yoluntu ekuhlaleni xa ifunyenwe nentombazana eneminyaka emihlanu (5) ubudala ekuthiwe ixhwilwe izolo, ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeDwarha (18/09).

Kutyholwa ukuba ngoMvulo, umhla wamashumi elinesibhozo kweyeDwarha (18/09) malunga nentsimbi yeshumi (10:15), ummangali oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) waziswa ngumama wakhe ukuba umntwana wakhe oneminyaka emihlanu ubudala, uSesam Gcolotela ulahlekile. Umama ukhawuleze wafika ekhaya wafumanisa ekuhlaleni ukuba babone umntwana ehamba nendoda. Ityala lokuxhwila lavulwa.

Ngale ntsasa, malunga nentsimbi yeshumi (10:00), umrhanelwa ubhaqwe nomntwana eYork Street eMadeira ngabahlali. Kutyholwa ukuba umrhanelwa ebehleli nomntwana ngaphakathi kwiteksi. Abahlali bamkhuphele ngaphandle kwemoto baza bambetha kanobom ngamatye nangeentonga. Ngelo xesha amagosa oNyanzeliso loMthetho we-KSD ayejikeleza kwaye ngoko nangoko angenelela. Amalungu e-SAPS Madeira oThintelo loLwaphulo-mthetho nawo ebekufutshane nawo, ancediswa.

Eli hlokondiba linomsindo linyuke ngamanani lifuna ukuba akhululwe umrhanelwa. Umrhanelwa usiwe esibhedlele ngenqwelo yezigulana ukuze afumane unyango. Kungoku nje uphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele kwaye uza kuvalelwa xa ekhululwe ngetyala lokuxhwila. Umrhanelwa akaziwa ngumntwana okanye usapho lwakhe. Umntwana naye wathathwa ukuba ayokuxilongwa kwaye wadityaniswa nosapho lwakhe.

Ityala lokuzama ukubulala likwavulwa malunga nokubethwa komrhanelwa.

Kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala.

Amapolisa abongoza bonke abazali okanye abantu abahlala nabantwana ukuba bahlale bephaphile kwaye baqinisekise ukuba abantwana babo ingakumbi abo bancinci, bakhuselekile kwaye baphambi kwamehlo ngamaxesha onke. Nangona kunjalo, kubalulekile ukukhumbula ukuba ukuthatha umthetho ezandleni zakho, njengakwesi siganeko, akuyompendulo ifanelekileyo.