Ibhodi ejongene notywala empuma koloni ibongoza abazali ,izikolo noluntu ukuba luthintele imisitho yokubhiyozela ukugqitywa kweemviwo

Njengoko uviwo lweYesilimela luya kugqitywa kwiiveki ezimbini, ibhodi ejongene notywala eMpuma Koloni iyothuswa ukuba abanye abafundi sele beqalile ukwenza izicwangciso malunga ‘netheko lokuvala iphepha’. Ibhodi ejongene notywala eMpuma Koloni iyigxeke kabhukhali lendlela yokuziphatha gamazwi anamandla kwaye ibongoza abafundi ukuba bawuyeke lo mkhwa.
Lamatheko athanda ukuphelela ebugxwayibeni njengoko kwakunjalo kwisiganeko esiyingozi endaweni yokuselela Enyobeni apho abantu abatsha abangamashumi amabini ananye babhubhela kwindawo yentselo ngethuba lombhiyozo wokuvala iphepha kweYesilimela ku-2022. Njengoko iimviwo ziqhuba kwiphondo jikelele; ngelishwa lixesha apho abafundi beqala ukwenza isigcwangciso semibhiyozo ephawulwa ikakhulu kukusela utywala ngokugqithisileyo.
Sibongoza abazali ukuba balumke kakhulu ngeli xesha kwaye balandelele ukuba abantwana babo baphi na. Sikwathumela isilumnkiso esiqatha kubo bonke abarhwebi botywala ukuba bangawabambi lamatheko okuvala iphepha kwindawo zabo zentselo njengeko oku ikukophulwa kwemiqathango yokurhweba kunye nolwaphulo-mthetho. Siyabancoma abafundi kunye nabanye abahlali abathe gqolo ukuwaxela lamatyala kwibhodi ejongene notywalwa eMpuma Koloni nakwinkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika.
Iinqununu zazo zonke izikolo maziwubethelele umyalezo othi “hayi kumatheko ovala amapepha” sikwabongoza oonozakuzaku bethu nabanye abafundi abanoxanduva ukuba bahlale bephaphamile ngaphakathi nangaphandle kwesikolo ukuba baxele kubaphathi bezikolo ngazo naziphi na izenzo ezirhanelekayo ezenziwa ngogxa babo.
Oonozakuzaku bebhodi ejongene notywala eMpuma Koloni kunye namalungu oluntu bangaxela abathengisi botywala abaceba ukwenza amatheko okuvala iphepha kunye nabo bahambisa utywala kubantu abangaphantsi kweminyaka yobudala kumnxeba wesimahla webhodi ejongene notywala eMpuma Koloni ku-0800 000420 okanye bathumele umyalezo ku- WhatsApp ku-076 4036223.
Ibhodi ejongene notywala eMpuma Koloni iyakuthatha amanyathelo ayimfuneko naqatha ngokuchasene nayiphi na indawo ethengisa utywala kubantu abangaphantsi kweminyaka yobudala kunye nokubamba amatheko enezothe.
