Amapolisa ase jeffreys bay aphanda ityala lokubulala

Abacuphi e eJeffreys Bay baphanda ngetyala lokubulala emva kokubhubha kwendoda eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2, eJeffreys Bay ngoMvulo weshumi elinesixhenxe.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesihlanu ngale ntsasa, amapolisa aphendule kwisikhalo sengozi ebandakanya iimoto ezimbini. Ekufikeni kwabo baxelelwa ukuba iSuzuki S-presso yayisuka eGqeberha isingise eHumansdorp kwaye iVW Caddy isiya kwelinye icala. Kuphinde kwatyholwa ngelithi iSuzuki yoqa esinye isithuthi kumgca oqinileyo omhlophe yaza yangqubana neVW Caddy. Umqhubi oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) weSuzuki ubhubhele kwindawo yesiganeko , logama umqhubi kunye nabantwana ababini bemoto iVW Caddy befumene umonzakalo omkhulu kwaye bathuthelwa kwizibhedlele zaseGqeberha.
Igama lalowo ubhubhileyo liza kukhutshwa kwakuba kuzisiwe isalamane.
Ityala lokubulala ngokungaqondiyo liyaphandwa.

