iinkonzo zamapolisa omzantsi afrika zilwa ukuba bukhali kunye nokubulawa kwabasetyhini ngokuzibandakanya nabachaphazelekayo kwisithili sase nelson mandela bay

Iinkozo zamapolisa oMzantsi Afrika zikhokelwe bubupolisa obubonakalayo bePhondo, zibandakanye abachaphazelekayo abohlukneyo kwinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho kwisithili sase Nelson Mandela Bay. Intloko yephondo kumapolisa abonakalayo, uBrigadier Nomvuyo Mrwebi ukhokele igqiza elibize inkqubo yoqwalaselo nobudlobongela obusekwe kwisini kunye nokwazisa uluntu malunga nokubulawa kwabasetyhini kwiholo loluntu iGeorge Botha eBetherlsdorp, ngolwesine womhla weshumi elinesixhenxe kweYesilimela ku-2023.

Umsitho uye wawongwa linani labathatji-nxaxheba, kubandakanywa, phakathi kwabanye, iqonga lesipolisa soluntu, isebe lokhuseleko loluntu kunye nebhodi yotywala. Abazalwane benkolo kunye nemibutho eyahlukeneyo yoluntu nabo bebeyinxalenye yalomsitho.
UBrigadier Mrwebi uchaze eliphulo njengesixhobo esisebenzayo ekuvaleni umsantsa phakathi kukarhulumente noluntu ngendlela edibeneyo.”Kwinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho kwiindawo esihlala kuzo, kufuneka sisebenzise indlela ehlangeneyo okanye ukuvala lonke uhlobo lomsantaa phakathi kuka rhulumente noluntu.”utshilo
Uphinde wabongoza uluntu ukuba ludlale indima ebalulekileyo njengeentsapho ekukhuliseni abantwana kwaye balolonge isimo sabo sengqondo ukuqinisekisa ukulingana koluntu ngemvisiswano. “Njengesiseko sesisekelo loluntu okanye uluntu, usapho ngalunye lunoxanduva olulodwa lokubumba izimo zengqondo zabantwana, kwaye zibakhusele. Ngoko ke sibongoza wonke umntu ekuhlaleni ukuba aqale ekhaya ukubumba abantwana.” wongeze watsho uMrwebi

Kucaciswe ukuba ukula ulwaphulo-mthetho luxanduva lomntu wonke. Kungoko abantu abachaphazelekayo kunye noluntu bakhuthazwa ukuba baphucule ubudlelwane neenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika ekuqinisekeni ukhuseleko lommi ngamnye. Uthatho-nxaxheba kunye nokuzinikela okwenziwa ngabazalanwe bezenkolo kunye nabanye abachaphazelekayo kunikeze ithemba lokutshintsha imeko yolwaphulo-mthetho kunye nokuphucula umgangatho wokuziphatha kwisithili iNelson Mandela Bay.

