Ikhangelwa naphansti kwamanzi indoda etyholwa ngokubulala ekaladokhwe

Inkonzo yesipolisa e Cradock icela uluntu ukuba luncedise ekufumaneni indoda ebifunwa ngemibuzo kwityala lokubulala elenzeke kwifama ngoLwesithathu umhla wamashumi amathathu kweyeThupha eCradock.
Amapolisa akhangela uAndrew Kroukamp oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ekukholelwa ukuba uza kuwancedisa ekusombululeni ityala lokubulala uMatthys Van Niekerk oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65) owafunyanwa umzimba wakhe unamanxeba okuhlatywa kwifama ekufutshane nomzila uR390 ngaphandle kwaseCradock.
Nabani na onolwazi olunokuthi ancedise ngendawo ekuyo iKroukamp uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nenkokeli yegqiza eliphandayo kule nombolo- 082 319 8876. Olu lwazi lusenokwabelwana ngalo ungachazi igama lakhe ku-Crime Stop ku- 08600 10111.
