Ipolisa likamasipala weTheku lihlabe laze lashicelela intombi yalo iphuma umphefumlo

Ipolisa likaMasipala weTheku libanjiwe emva kokuhlaba libulale intombi yalo (ekwalipolisa leMetro).

Amapolisa akuMbindi weTheku abambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala emva kokuba ehlabe isithandwa sakhe ngaphakathi kwiflethi ekwisitalato iJoseph Nduli ngentsasa yangeCawe, umhla wamashumi amathathu ananye(-31) kweyoKwindla ngo-2024.

Kuvakala ukuba esi sibini besisela utywala ngethuba kutyholwa ukuba le ndoda yahlaba yabulala le nkosikazi. Kukwaxeliwe ukuba umrhanelwa uthathe iividiyo kunye nemifanekiso yeli Nina liphefumla okokugqibela kwaye wayithumela kubantu abaliqela, kubandakanya ukuyithumela kumakhasi onxibelelwano.

Nangona ukusetyenziswa gwenxa kotywala nezinye iziyobisi kunokunxulunyaniswa nezenzo zomrhanelwa, akukacaci ukuba yintoni enokubangela ukuba ahlatywe.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele enkundleni ngoLwesibini .