Zibanjiwe izikrelemnqa ebezizama ukuqweqwedisa ngoMpu

Ukuqaphela nokulumka kwamalungu amapolisa oPhakamileyo ahlawule xa ebamba abarhanelwa abathathu ngesenzo sokuzama ukuqweqwedisa i-minibus ngale ntsasa yomhla wamashumi amabini kweyeDwarha eZwide.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yethoba kusasa (08:15)kwiikona zendlela yase-Uitenhage neSpondo, eZwide, amapolisa ebekwisiphambuka kwaye ngelixa elinde ithuba lokuwela indlela, abone abarhanelwa abathathu, besondela kwiminibus emhlophe yakwaMercedes Benz. Ngoko nangoko baqonda ukuba abarhanelwa babexakekile beqweqwedisa (bazama) umqhubi. Amalungu ngoko nangoko athatha amanyathelo aza ababamba bobathathu abarhanelwa athatha ivolovolo (inombolo yothotho efakiweyo) kunye neembumbulu.

Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu (30)namashumi amathathu anesithathu (33) babanjiwe ngezityholo zokuzama ukuxhwila imoto, ukuba nompu ongavumelekanga kunye neembumbulu. Abarhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesithathu kweyeDwarha.