Kubanjwe abarhanelwa abathathu (3)e-kidds beach emonti

 Amaphulo obuntlola aqhutywe e-Ocean View Street e-Kidds Beach phezolo ngamalungu e-Crime Intelligence, i-DPCI, i-TRT kunye namalungu e-Kidds Beach Vispol abe neziphumo ezihle.

Amadoda amane aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27)namashumi amathathu (30)ubudala aye abanjwa ngenxa yokuba nemipu engavumelekanga nokuba nembumbulu ngokungekho mthethweni.

Iipistoli ezintathu (3) 9mm, iimagazini ezintathu (3) 9 mm, iimbumbulu ezingamashumi amabini anesixhenxe (27) 9mm, enye (1 )isekula yeHisense, enye (1) x Iselula yakwaNokia kunye neVW TSI Polo navy blue. ngombala zithinjiwe.

Bonke abarhanelwa bavalelwe kwaye bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi waseMonti kungekudala.