Kubanjwe umrhanelwa nemipu engekho mthethweni

Kwiphulo lobuntlola, indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala yabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeThupha kwingingqi yaseMqanduli ngokufunyanwa nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni.

Kutyholwa ukuba ngentsimbi yesibini (02:30) kuye kwaqhutywa isigunyaziso sokugqogqa liqela le-OR Tambo Tactical Response Team (TRT) kwakunye nelobuntlola kulwaphulo-mthetho kwindawo yaseBizani eKwenxurha kwingingqi yaseMqanduli. Kufunyenwe imipu yokuzingela emithathu (03) kunye neembumbulu. Umrhanelwa khange akwazi ukuphendula ngokufunyanwa nemipu wabanjwa.
Wavalelwa ngezityholo zokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Imipu iya kuthunyelwa kwi-ballistics ukumisela ubunini.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, u-Maj General Pumzile Cetyana uncome igqiza ngokuchacha kwaye wathi, “Ndichulumancile kakhulu ngeenzame zenkuthalo zamalungu ethu ekufumaneni ngempumelelo le mipu neembumbulu kwanokubanjwa. Oku kuphunyeziweyo kubethelela ukuzinikela kwethu ekomelezeni ukhuseleko loluntu nokususa izixhobo eziyingozi ezitratweni.”