Kukhangelwa indoda egama lingu Ntlantla Hobongwana

Indoda eneminyaka engamashumi amane(40) yase New Brighton egama lingu Ntlantla Hobongwana khange ibuye ekhaya ukususela mgomshla wesine ku Epreli

amaPolisa e New Brighton akhangela indoda eneminyaka engamashumi amane -(40 )ubudala, uNtlantla Hobongwana, owaduka emva kokushiya ikhaya lakhe kwisitalato iGqamlana, eNew Brighton ngomhla wesine-4 kuTshazimpuzi ka-2024 malunga nentsimbi yesibini-(14:00). Akazange atsho ukuba uyaphi kwaye akazange aphinde abuyele ekhaya. Usapho lwakhe lwamxelela njengomntu olahlekileyo