Kusweleke abantu abathathu engozini phakathi kwe Ngcobo ne Cofimvaba

Ukhethe ukuwashiya ebhubhile amaxhoba engozi wabaleka umqhubi otyholwa ngokuba ebeqhuba ezitshize ngenyembezi zika Victoria ngentseni yanamhlanje.
Abantu abathathu babhubhile ngelixa umqhubi wemoto abebehamba ngayo ebaleke kwindawo yexhwayelo enokonzakala. Isithuthi esinye, iHyundai i20 ebinabantu abane (amadoda amamathathu-3 kunye nebhinqa elinye) aphulukene nolawulo lwaza lwabhukuqa. Esi sehlo senzeke kwindlela uR61 eNgcobo eMahlubini esingise eCofimvaba malunga no06H45 kwindlela uR61 namhlanje. Imoto ibihamba isingise eCofimvaba.
Abakhweli abathathu-3 babhubhele kwindawo yexhwayelo, (amadoda amabini-2 omnye obhinqileyo) ngelixa ummi wesine, ekukholelwa ukuba ngumqhubi eye wabaleka kwindawo yengozi emva kwengozi.
Ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala kuchazwa njengoyena nobangela wengozi.
Ityala lokubulala ngokungennnongo livuliwe eCofimvaba ukuze kuqhutywe uphando.

