Lidukile inenekazi eligama lingu Nosiphiwo Ngwekazi

Ngokwengxelo elinenekazi lingu Nosiphiwo Ngwekazi lishiye ikhaya lalo ekuqaleni kwale nyanga kwaye kuvakala ukuba ebesingise e Reeston,eziphunzana kunye nase Amalinda .Akukho ngxelo icacayo ukuba u Nosiphiwo uphume waya kweliphi icala Kanye Kanye.Uloyiko olukhululolokuba usisi lo ushiye abantwana ababini bodwa kowabo,omnye kwaba bwantwana uneminyaka emithathu(3) ze omnye abe neminyaka emine(4).
Ingcagciso efumaneke kutata ohlala kufutshane ,usisi ngumntu othatha amatorho nanjengoko engaphangeli,yiyo lonto kunzima ukuba abe nexesha lokuhoya abantwana bakhe.utata lo ugcina abantwana ngumntu one mpilo enkene nkene kwaye uluntu luxhalabile ngendlela ekunzima nagyo ukuma akwazi ukuhoya abantwana ngoba ngokwengxelo akafuni nokuty utata lo.
Kubongozwa kuluntu lonke ukuba luncede ekukhageleni u Nosiphiwo nanjengoko iya ngkuba mbi ngakumbi imeko katata lo ugcina abantwana
