‘Ndili boko-boko ngenxa yokufuna I charger ye laptop yam kobendithandana naye’

inenekazi elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) lifuna ubulungisa emva kokunkulwa ngobe ngumlingane walo
U-Siyasanga Lateta, linenekazi elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala liphakanyiselwe izandla ngobengumlingane wakhe, uLubabalo Sikhonkwane oneminyaka engamashumi amathathu (30) nokwanguye umqhubi weeteksi
Ngokwengxelo yelinenekazi ichaza ukuba, yena noLubabalo ibingabantu abathandanayo ukusukela ngonyaka wama 2020 bedibana eFishhoek ze bohlukana kulo nyaka xa uqalayo. Ngomhla wamashumi amabini (22) kweyeKhala 2022, waboleka obengumlingane wakhe iLaptop xa wayesiya kwisihlobo sakhe eMfuleni. Wabuya ngomhla wesine (4) kweyoMqungu kulo nyaka sele esohlukana naye, waboleka I laptop yakhe. Wamzulisela engamniki mpendulo ivakalayo, emva kwexesha elide wamxelela ukuba makayoyithatha kodwa wafika ingekho itshaja. Nto leyo yamnxunguphalisayo kum imncedisa emsebenzini wesikolo.

Ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala 2023, emva kwexesha ecela itshaja uziyele ngenyawo apho ahlala khona. Ufike wathetha naye kodwa baxambulisana ze inenekazi lathatha unomyayi wobengumlingane ngelithi uzawufumana xa ubuyisa itshaja, kanti uzinqikele elineembovane wathi xa eguquka ehamba, wamtsibela entanyeni wamjula phantsi. Wamrhuqa ngobuso kwindlela yeemoto, emkhaba, embetha ngamanqindi kwaye emxelela ukuba akawoyiki amapolisa ase Nyanga noba angayombambisa. Bazama ukunqanda ababonayo kodwa waphuma izithuba. Wangena emotweni wamshiya apho.

Ityala loxhatshazo ulivulile kwangaloo mini inye ebusuku, eNyanga Police Station kodwa akakabanjwa nangoku umrhanelwa
