Sesiphi isizathu esinokubangela ukuba indoda ibulale inkosikazi yayo?

Ufunyenwe udada phezu kwegazi umzimba weNkosikazi ekutyholwa ukuba ibulelwe nguMyeni wayo eMpuma koloni

Amapolisa abambe indoda eneminyaka engamashumi amane anesithadathu(46) ubudala ngezityholo zokubulala umfazi wayo, oneminyaka engamashumu amane anesithathu(43) ubudala eMount Author Administrative Area ngoLwesine wesine (04 )kuTshazimpuzi ka-2024.

Kutyholwa ukuba umrhanelwa wazinikela emapoliseni emva kokubulawa. Amapolisa atyelele kwindawo yexhwayelo ze athi akufika apho afumana umzimba wowasetyhini ulele kwidama legazi unomonzakalo izihlandlo ezininzi.

Isizathu sokubulala asikaziwa kwaye ityala lokubulala liyaphandwa.

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseLady Frere kungekudala.