Zimke nemiphefumlo emihlanu(5) ingozi ezahlukeneyo ngentlwa yayizolo

Bahlannu bebonke abantu ababhubhileyo lo gama abalishumi elinesine(14) lifumene umonzakalo, oku kuphuma kwiingozi ezimbini ezahlukeneyo kwiindlela zaseMpuma Koloni phezolo.

Ezona ngozi zenzeke malunga necala emveni kwentsimbi yesihlanu malanga kuhola wendlela uN2 eMthatha ngaseSibangweni esingise ngakuQumbu, nalapho iimoto ezimbini ziye zangqubana ngqo.

Imoto yohlobo lweHonda Ballade ebikhwele abantu abahlanu (amadoda amane kunye nebhinqa eliNye) ebihamba isingise eMthatha ingqubane neteksi ebikhwele abantu abalishumi elinesibini ibiphuma eMthatha isingise kuQumbu.
Abahlali abathathu, onke amadoda ebekhwele kwi Honda Ballade kuquka nomqhubi uye wasweleka kwindawo yexhwayelo. Ababini bonzakele kwi Honda Ballade omnye oyindoda nowasetyhini kunye nabo bonke abahlali abalishumi elinesibini abebephakathi babalekiselwe esibhedlele eMthatha benomonzakalo ohlukeneyo, abantu abahlanu bonzakele kakhulu kwaye abalithoba bafumana umonzakalo omncinci.

kwindlela yase Addo eGqeberha esingise eAddo iToyota LDV ebinabantu abahlanu kubandakanywa nentwana elahlekileyo iphulukene nolawulo yaze yabhukuqa.

Iemoto ibisuka eGqeberha isingise eAddo, umqhubi oyindoda kunye nenkwenkwana ebekwisithuthi babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama amabhinqa amabini kunye nomkhweli oyindoda omnye befumene umonzakalo omasikizi kwaye basiwe kwisibhedlele sase-Uitenhage.

Ukubulala ngokungeyomfuneko kuye kwavulwa kwingozi nganye kwezi.