Indoda egama lingu Yibanathi izakuvela enkundleni emveni kokuba ithe yabulala unkosikazi wayo okwesilwanyana

U-Yibanathi MacGyver Ndema utyabekwa ngezityholo zokubulala iqabane lakhe u-Noluvo Nonkwelo Ndema, eDutywa kwilali yase Zingqayi. Kutyholwa ukuba uMacGyver wabulala iqabane lakhe ngokumasikizi ngonyaka wamawaka amabini aneshumi elinesithoba (2019) ze wangcwaba umzimba wakhe kwigumbi lokuhlambela ngaphantsi kwebhafu apho babehlala khona. Waqhubeka nobom. Wamchaza njengomntu olahlekileyo emapoliseni , abahlali kunye namapolisa bazityanda igila bekhangela kodwa abafumana mkhondo phone umyeni ephakathi kwabo. Amapolisa aqhubeka nophando waze wafunyanwa enetyala, wabanjwa kunyaka ophelileyo. Uzakuvela kwinkundla yamatyala eDutywa ngomhla wesixhenxe kweyoMsintsi 2023.